I-Freedom Front Plus (FF+)nebizwa ngokuba yi-
Afrikaans: Vryheidsfront Plus, VF
+ ngesibhulu ngumbutho wezopolitiko eMzantsi Afrika. Inkokheli yawo ngu-Gq. Pieter Groenewald.
IFreedom Front Plus yafunyanwa ngomhla woku-1 kweyoKwindla (ngoMatshi) ngomnyaka ka-1994, ufunyanwa ngamalungu azibiza okokuba ngama-Afrikaaner phantsi
kukaConstand Viljoen
. Into kaViljoen yaabhalisa lo mbutho we-Freedom Front Plus
kwikomishini yokhetho ezimeleyo (I-IEC)
ngomhla wesi-4 eKwindla (NgoMatshi) ka1994, ukuze amalungu alo mbutho akwazi ukuthabatha inxaxheba kunyulo luka olwaluzakubanjwa ngenyanga kaTshazimpuzi (kaApreli) ka1994. Ngomhla we-12 kweyoKwindla ngo1994, uViljoen wanikezela ngoxwebhu olwalunoluhlu lwamagama abagqatswa bombutho wakhe kwi-IEC, ngeliqinisekisa okokuba umbutho wakhe uyakuthabatha inxaxheba kunyulo oluzayo. Ngeli xesha enza yonke le migudu okaViljoen ukwangumsebenzi obambe isikhundla esiphezulu
kwi-ofisi yamajoni aseMzantsi Afrika
.
Okangoku zimbini iinkokheli zalo mbutho.
Njengoko sele sichazile apha ngasentla, le kwakuyingqonyela yenkokheli yeFreedom Front Plus. Ngubani kanye lo mfo?
UNjengele Constand Viljoen SSA SD SOE SM wazalwa ngomhla wama-28 kweyeDwarha ngo1933, ezalelwa
eStanderton
,
eMpumalanga
E-Mzantsi Afrika
. Eli khwahla laye liyiKomanda likwangumpolitiki
waseMzantsi Afrika
. Kuyo yonke into lo mfo uyanconywa ngokuthintela uqhambuko lomlo nobundlobongela ngezigalo obabulindelekile kwicala labemi abamhlophe ababebonakala bengonelisekanga konke-konke
lunyulo
olwaluzakubanjwa okokuqala emva korhulumente wengcinezelo. Lo mfo utshate nenzwakazi
u-Christina Sussanna Heckroodt
, kwaye banabantwana abahlanu kulo mtshato, amadodana amane nentombi enye vo.
Ngo1951, U-Viloen upase ibanga lematriki
e"Standerton High School"
. Ngo-1956, uye waba lilungu lombutho womkhosi waseMzantsi Afrika owawucetywa ngo1956. Uthe esakufumana isidanga sakhe kuphando kwezoMkhosi wamaJoni esifumana
kwiYunivesithi yasePretoria
, wakhwetyelwa kwisikhundla esiphakamileyo sokongamela indlela emakusetyenzwe ngayo
ngumkhosi wamaJoni eMzantsi Afrika
ngo 1976. Akubanga kudala ngo uViljoen wonyuselwa waba yingqonyela kumkhosi wamaJoni aseMzantsi afrika. Ngo1977 waphinda wonyuselwa waba yi-"Principal Chief of Staff" de kwango1980 apho waziphosa kumfo uMagnus Malan iintambo nje-SADF chief"
Lo ka-Viljoen wayebambe isikhundla esiphezulu kwakhona kumkhosi wamaJoni e-SADF owawuthabatha inxaxheba kumsebenzi owawubizwa ngokuba
yi"Operation Savannah
wango1975. Ukwaziwa kakhulu ngezicwangciso zakhe awazenzayo ngohlaselo lokuqala olwenziwa ngolunya nolubizwa ngokuba
yi"major airborne assault
hlaselo olo lwalubizwa ngokuba
yi"Cassinga
. Kaloku olu hlaselo kwakuliphulo lokuhlasela abaqhankqalazi bombutho
i-SWAPO
. Emkhulu enjalo ngokwesikhundla sakhe emsebenzini, lo kaViljoen wayekho kudushe lomlo, apho wanikezela ngento eyayibizwa ngokuba
yi"swashbuckling"
, iinkokheli ezazimi kumgca wokuqala front-line leadership which won him the respect of many fellow Afrikaners.[5]
OkaViljoen unconywa kakhulu ngabantu abathile ngegalelo lakhe elakhokhelela ekubeni abamhlophe bayamnkele inkqubo entsha
kawonke-wonke
yonyulo olukhululekileyo. Kudlwabevu lwentetho yakhe awayenza kwindibano yonyaka ehlala ibanjwa minyaka ekuthiwa yile
I-Broederbond annual assembly
e-Voortrekkerhoogte
. Kukule ndibano apho lo kaviljoen wathetha ngesiBhulu ebhekisa kumajoni antsundu aseMzantsi Afrika esithi - As hulle kan veg vir Suid-Afrika, kan hulle stem vir Suid-Afrika! Oko kuthetha ukuthi "Ukuba bangayilwela i-South Afrika, loo nto ithetha okokuba bangayivotela i-South Afrika.”
Ngonyaka ka-1993 oka-Viljoen noogxa bakhe ababesele besidla umhlala-phantsi baqhulunqa umbutho ekuthiwa yi-Afrikaner Volksfront (Umbutho wama-Afrikaner), umbutho owenzelwa ama-Afrikaner. Kodwa yonke le mizamo yakhe uViljoen yenza okokuba bungabibuhle ncam ubudlelwane phakathi kwakhe namanye amaqela ama-Afrikaner.